Umbono

twr360

iTWR iwisa phantsi izithintelo zolwimi nokufikeleleka ukuze abasebenzisi bakwazi ukuthulula,ukuqukuqela nokufunda iimfundiso ngobuKristu ngobuninzi bazo ukuze ubani akhule endleleni yakhe noKristu imihla yonke.

Injongo

iTWR360 igqalisela kubasebenzi baphinyephinye nakukubekelela okushukumayo nje ngokuba ikhulisa ubufundisi obusasazayo be TWR360 nje ngenkxaso kumsebenzi wecawe wokufezekisa umsebenzi kaKristu wokugqibela.

  • Inceda nabani nanini ukuba afumane ukungena okulula okunempumelelo ngecomputer,ismartphone,kwizixhobo eziliqela zobuchwepheshe zamaKristu ngolwimi lwemveli.
  • Ukubonelela abaqhagamsheli abangamaKristu indawo yokuphuma edibeneyo,esebenza ngendlela ezininzi ukuze bahlwayele izixhobo zabo kunye nezinye iinkonzo ezinkulu nezincinane.
  • Isebenza nje ngendawo esembindini apho ikhathalogu yeTWR360 enkulukazi nekhulayo yesikhokhelo ingafumaneka khona ngokubambisana nosasazo luka nomathotholo kodwa lungakhonkxeki ngenxa yendawo.

Malunga neTWR

Ukuthetha kakuhle ngeelwimi ezingaphaya kwama230 kwaneelwimi zesizwana,iTWR ikholo ukolulela ehlabathini ngenxa kaYesu Kristu.Ukolulela kwethu ngosasazo jikelele kuthembisa izigidi ngezigidi emazweni angaphezulu kwe160 ngeenyani zebhayibhile.Phantse ama60 eminyaka,uThixo esenza iTWR incede ukukhokela abantu basuke ekuthandabuzeni bafikelele kwisigqibo sobudisipile.

Sikunye namaqabane ezizwe,icawe zendawo nobunye ubufundisi,iTWR ibonelela ngosasazo obuphathelele kwizixhobo zobudisipile,nabasebenzi abazinikeleyo,ithemba ebantwini ngabanye nakwilali elizweni jikelele.Nokuba usebenzisa I AM/MW ,shortwave emandla,FM Radio ezisasaza isiqulatho kubasebenzisi internet okanye ukuhambela abaphulaphuli ubuso ngobuso.iTWR ishiya umtshiti wayo ohlalayo wobumoya.